Yintoni umsebenzi wobupolisa ngokwamacandelo?
Yindlela "YOKUBUYELA KWIZISEKO" apho indawo yakho yomsebenzi wobupolisa yahlulwa khona ngokweendawo ezincinci ezilawuleka lula ezibizwa ngokuba NGAMACANDELO (SECTORS). Umphathi Wecandelo unyulelwa ukuphatha icandelo elithile kwaye usebenzisana nabahlali bayo kunye nabo kwabelwana nabo ngamagunya ekutshabalaliseni ulwaphulo-mthetho oluqheleke kwelo candelo. Bonke abadlali-ndima ngoko ke babandakanyeka ekuchongweni kweemfuno zokhuselo nezokhuseleko lwamacandelo abo nasekuhlangatyezweni koonobangela abasezingcanjini zolwaphulo-mthetho ngokwenza njalo kuqinisekiswe uthintelo oluncomekayo lolwaphulo-mthetho kwicandelo elo lithile.
Umphathi Wecandelo kufuneka:
azise abantu kwaye aseke umba womsebenzi wobupolisa ngokwamacandelo kwicandelo lakhe:
asungule imisebenzi eyilwayo yokuhlangabezana neemfuno zokhuselo nokhuseleko kwicandelo lakhe
UMPHATHI WECANDELO + WENA = NENZA IQONGA LEENGXOXO LOLWAPHULO-MTHETHO LECANDELO LAKHO
Nobabini ninoxanduva lokuchonga iimfuno zokhuselo nokhuseleko nezokuhlangabezana nonoobangela abasezingcanjini zolwaphulo-mthetho ngokwenza njalo kuqinisekiswe uthintelo oluncomekayo lolwaphulo-mthetho kwicandelo elo lakho lithile
Inxaxheba yakho iya kwenza: (YOUR INVOLVEMENT)
ukuncipha koloyiko lolwaphulo-mthetho kwicandelo lakho;
ukufunyaniswa kwezisombululo zemibandela ephathelele kulwaphulo-mthetho lwendawo yakho kwiintlanganiso zeqonga leengxoxo ngolwaphulo-mthetho;
ukunika amapolisa ulwazi oluphilayo ngemibandela yolwaphulo-mthetho lwendawo leyo kwicandelo lakho;
indlela esondele ebantwini ngakumbi nesekwe emakhaya yokufumana izisombululo zolwaphulo-mthetho lwendawo yakho kunye noxanduva ekwabelwanayo ngalo phakathi kwakho nomphathi wecandelo laseMzantsi Afrika lamaPolisa.
XA UFUNA ULWAZI OLUNGAPHEZU KOLUNIKIWEYO NCEDA UQHAGAMSHELANE:
NOMPHATHI WAKHO WALAPHO WECANDELO:
ISIKHULULO SAMAPOLISA: ICANDELO:
UMNXEBA: ISELULA:
UMSEBENZI WOBUPOLISA NGOKWAMACANDELO = INKONZO YEMFEZEKO
Yintoni umsebenzi wobupolisa ngokwamacandelo?
Yindlela "YOKUBUYELA KWIZISEKO" apho indawo yakho yomsebenzi wobupolisa yahlulwa khona ngokweendawo ezincinci ezilawuleka lula ezibizwa ngokuba NGAMACANDELO (SECTORS). Umphathi Wecandelo unyulelwa ukuphatha icandelo elithile kwaye usebenzisana nabahlali bayo kunye nabo kwabelwana nabo ngamagunya ekutshabalaliseni ulwaphulo-mthetho oluqheleke kwelo candelo. Bonke abadlali-ndima ngoko ke babandakanyeka ekuchongweni kweemfuno zokhuselo nezokhuseleko lwamacandelo abo nasekuhlangatyezweni koonobangela abasezingcanjini zolwaphulo-mthetho ngokwenza njalo kuqinisekiswe uthintelo oluncomekayo lolwaphulo-mthetho kwicandelo elo lithile.
Umphathi Wecandelo kufuneka:
azise abantu kwaye aseke umba womsebenzi wobupolisa ngokwamacandelo kwicandelo lakhe:
agcine I-SCF yakhe namacandelo ahluka-hlukileyo esazi ngezimbo nangezoyikiso zolwaphulo-mthetho:
asungule imisebenzi eyilwayo yokuhlangabezana neemfuno zokhuselo nokhuseleko kwicandelo lakhe.
Inxaxheba yakho iya kwenza:
ukuncipha koloyiko lolwaphulo-mthetho kwicandelo lakho;
ukufunyaniswa kwezisombululo zemibandela ephathelele kulwaphulo-mthetho lwendawo yakho kwiintlanganiso zeqonga leengxoxo ngolwaphulo-mthetho;
ukunika amapolisa ulwazi oluphilayo ngemibandela yolwaphulo-mthetho lwendawo leyo kwicandelo lakho;
indlela esondele ebantwini ngakumbi nesekwe emakhaya yokufumana izisombululo zolwaphulo-mthetho lwendawo yakho kunye noxanduva ekwabelwanayo ngalo phakathi kwakho nomphathi wecandelo laseMzantsi Afrika lamaPolisa.
UMPHATHI WECANDELO + WENA = NENZA IQONGA LEENGXOXO
LOLWAPHULO-MTHETHO LECANDELO LAKHO